IMigaqo neMiqathango

 1. Uhlobo lweenkonzo ezinikezelwayo

Amaziko obuxhakaxhaka bekhompyutha ze-Smart Cape ngokunjalo namaziko okuFikelela kwi-Intanethi ye-Smart Cape abonelelwa sisiXeko saseKapa kwaye ziyafumaneka ukuba zingasetyenziswa nangowuphi na ummi. Abasebenzisi kufuneka ukuba babe ngamalungu elo thala leencwadi kwaye kufuneka babe namakhadi ethala leencwadi asebenzayo (valid); abasebenzisi kuyakufuneka benenombolo yekhadi lethala leencwadi ukuze ukuze babhalise ukuba basebenzise iikhompyutha okokuqala.

Izinto zobuxhakaxhaka bekhompyutha ezifumanekayo kumaZiko eSmart Cape zenza ukuba abasebenzisi babenako:

  • Ukulungiselela kunye/okanye ukulungisa, ukufunda okanye ukuprinta amaxwebhu afana neleta okanye iCV.
  • Ukulungiselela kunye/okanye ukulungisa, ukufunda okanye ukuprinta uxwebhu olunezintlu (i-spreadsheet).
  • Ukulungiselela kunye/okanye ukulungisa, ukufunda okanye ukuprinta unikezelo-nkcaza.
  • Ukusebenzisa i-internet ukuphanda ingcaciso/ulwazi.
  • Ukuthumela nokufumana i-email - uzakunikwa idilesi yakho ye-email: yourusername(at)smartcape.org.za.
  • Ukugcina amaxwebhu akho kwi-USB ekhutshwayo (yona kufuneka uze nayo ngokwakho).

Amaziko obuxhakaxhaka be-Intanethi eSmart Cape eenza ukuba abasebenzisi babenako:

  • Ukufikelela kwi-intanethi besebenzisa izixhobo zekhompyutha ezilungiselelwe umntu ngamnye.
  • Ukusetyenziswa kobu buxhakaxhaka buza kuba simahla ngaphandle kokuprinta kuphela, kwaye kuhamba ngokuba ngubani ofike kuqala. Akuvumelekanga ukuba abasebenzisi babhukishe iiseshoni kwangaphambili.
  • Umsebenzisi ngamnye angazisebenzisa ezi zinto zobuxhakaxhaka (oku kubizwa ngokuba yi-seshoni) iseshoni ibenye kuphela ngemini. Umlinganiselo weseshoni yimizuzu engama-45 ubude, kodwa oku kungatshintshwa ngokokubona koMlawuli we-Access Point. Ukuba iseshoni iphele ngaphambi kwexesha leseshoni elabiweyo, imizuzu eseleyo akuvumelekanga ukuba isetyenziswe kwiseshoni entsha.
  • Umsebenzisi ngamnye uvumelekile ukuba asebenzise i-Intanethi iiseshini esingalinganiselwanga yaye akukho mlinganiselo wexesha kwiseshoni nganye. Ukusetyenziswa kovimba wolwazi akulinganiselwanga yaye umsebenzisi ngamnye uya kuvunyelwa kuphela ukuba asebenzise umthamo othile wolwazi ngenyanga nokunyanzeliswa ngokuthi kubekwe iliso kwindlela ubani alusebenzisa ngalo ulwazi olo. Ekuqaleni kwenyanga nganye isetwa ngokutsha indlela olusetyenziswa ngayo ulwazi.

Ukuprinta makuhlawulelwe kwangaphambili.

 2. Ukubhalisa njengomsebenzisi wamaziko obuxhakaxhaka beekhompyutha ze-Smart Cape

Ukuze ubani asebenzise amaziko obuxhakaxhaka beeKhompyutha ne-Intanethi ye-Smart Cape kwindawo enobu buxhakaxhaka, i-Access Point (ekuqaleni ezi ndawo ibingamathala eencwadi ebebonelela ngobu buxhakaxhaka), abasebenzisi mabaqale babhalise. Ukubhalisa kuquka ukukhethwa kwe-username kunye ne-password yakho eyodwa. Ezi zinto zimbini kufuneka uzigcine ngentloko kwaye uzigcine ziyimfihlelo. I-username zisisimaphambili sedilesi ye-email yabo bonke abasebenzisi ababhalisiweyo - khetha ngobunono! Emva kokuba kwenziwe oku, abasebenzisi bangasebenzisa iikhompyutha kule Smart Cape Access Point okanye nakweyi na enye iSmart Cape Access Point.

Abasebenzisi bangafikelela kwi-email yabo nakweyiphi na ikhompyutha eqhagamshelene ne-internet.

Ukuze babenako ukubhalisa abasebenzisi, baza kucelwa ukuba banike inkcukacha zabo. UMgaqo-nkqubo weMfihlelo weSmart Cape uyacacisa ukuba iSmart Cape iyenza ntoni na ngezi nkcukacha.

Ilungu lethala lencwadi ngalinye livumeleke ukuba libhalise njengomsebenzisi kube kanye kuphela. Akukho mntu unokusebenzisa ii-username ezingaphezulu kwesinye, okanye asebenzise i-username ne-password yomnye umsebenzisi obhalisileyo.

Ukuba ubani akabusebenzisi obu buxhakaxhaka bekhompyutha kangangesithuba seenyanga ezilishumi elinesibini, ubhaliso lwalo mntu luya kurhoxiswa. Ukuze lo mntu abenako ukuphinda asebenzise ikhompyutha kuya kufuneka ukuba abhalise ngokutsha.

Ukuba ubani akayithobeli iMigaqo neMiqathango kunye/okanye iMiqathango yokuSebenzisa, ubhaliso lwakhe luya kurhoxiswa yaye nokuphinda abhalise kwixesha elizayo kusenokungavunyelwa.

  3. Ukugcina ulwazi

Ulwazi oluyilwe okanye olulolomsebenzisi olukwimo yeefayile ezifunyenweyo, ezenziweyo okanye ezo zomsebenzisi azinakho ukugcinwa kwiiKhompyutha ze-Smart Cape, ngaphandle kwee-imeyile. . Ii-email ziya kugcinwa de zicinywe ngumninizo (umsebenzisi). Ukuba ubungakanani bendawo yokugcina ye-maibox (5MB) bugcwele, i-imeyile ezithunyelweyo ziya kubuyiselwa kumntu ozithumeleyo. Ukuba ubhaliso lwakho liurhoxisiwe, ibhokisi yakho yemiyaleso iya kuqongqothwa yaye nemiyalezo ekhoyo icinywe.

Luxanduva lwabasebenzisi ukugcina amaxwebhu abo olwazi olukwikhompyutha kumakhadi olwazi azi-USB. Abasebenzisi kufuneka beze nee-diski zabo ukulungiselela oku. IsiXeko saseKapa asisayi kwamkela xanduva lokulahleka okanye ukonakala kwezi fayile okanye naluphi na ulwazi olukwikhompyutha.

 4. Ukusetyenziswa kwe-Intanethi

Ukufezekisa imbono yaso yeKapa njenge siXeko esiphaphileyo, isiXeko saseKapa sinika abemi baso ithuba elilinganiselweyo kwizinto ezikwi-intanethi. Ngoko ke iikhompyutha zeSmart Cape Access Point zizixhobo zoqhagamshelwano ngekhompyutha. Inkonzo ye-intanethi yenza ukuba ufikelele kwimithombo yolwazi emininzi ebalulekileyo kwizinto zengingqi, zesiwe kwakunye nezehlabathi. Nangona kunjalo, olunye ulwazi olufumaneka kwi-intanethi aluchanekanga, aluphelelanga, ludlulelwe lixesha, okanye lolukhubekisayo kwabanye abantu. Umntu osebenzisa ulwazi ngokufanelekileyo kufuneka aluphengululwe ulwazi nobunyani kunye nokuchaneka kwengcaciso ayifumeneyo.

 

IMiqathango yokuSebenzisa